Amapolisa aseGqeberha achonge amaxhoba kwisiganeko sangoLwesihlanu sokubulala kabini nokuzibulala esibandakanya ipolisa.
Ngentsasa yangoLwesihlanu malunga necala ibethile intsimbi yethoba kusasa, amapolisa aphendule kwindawo yesiganeko e-Gordon Terrace, apho imizimba yabasetyhini ababini kunye nendoda enamanxeba okudutyulwa yafunyanwa.
Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse van Rensburg uthi aba babhubhileyo bachongwe njengoLisakhanya Labi oneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala kunye noMonalisa Ojani onamashumi amabini eminyaka ubudala.
Uthe igosa lomthetho elibhubhileyo nongumtyholwa wokudubula nguGodfrey Tholane Seleke oneminyaka engamashumi amathathu ananye ubudala.
USeleke ebesebenza kumapolisa aseAlgoa Park kwaye ebengekho emsebenzini ngelo xesha.
Kutyholwa ukuba wadubula uLabi no-Ojani ngaphambi kokuba ajike umpu kuye.
Unobangela awukaziwa okwangoku.