Amapolisa acela uncedo loluntu ukuze kube nokufumaneka abarhanelwa abane nabayingozi abakholelwa ekubeni badibene kudubulo olwabulala isininzi eLusikisiki.

Kuphando oluqhutywayo amapolisa akholelwa ukuba xa kufunyenwe ababarhanelwa bane elityala lizakuncedakala. Uphando lwamapolisa lukwinqanaba eliphezulu kwaye amaphulo okulandela aba barhanelwa ayaqhubeka.

Ababarhanelwa ngu Songezo ‘Mashiya’ Vuma oneminyaka engamashumi amabini, uBonga ‘Rico’ Hintsa oneminyaka engamashumi amathathu ananye, Aphiwe ‘AP’ Ndende oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu kunye no Lwando Anthony ‘Abi’ Shakes oneminyaka engamashumi amabini ananye.

Abahlali bayabongozwa ukuba bangabaqondi nqo ababarhanelwa nanjengoko kukholelwa ukuba bayingozi. Nabani na onolwazi malunga nokuba baphi na uyakhuthazwa ukuba aqhagamshelane namapolisa olwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo okanye iqela lamapolisa loPhando loLwaphulo-mthetho olunoBundlobongela ku-082 302 7762. Lonke ulwazi luya kugcinwa luyimfihlo. Abafowunayo banokuhlala bengaziwa.
Abarhanelwa abane bakwacetyiswa ukuba bazinikezele kwisikhululo samapolisa esikufutshane.