IKomishini kaMadlanga yoPhando ngolwaphulo-mthetho, ukungenelela kwezopolitiko kunye norhwaphilizo, kwinkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho iqhubile kwakhona.
Kwiqonga lamangqina nguLt General Dumisani Khumalo, inkumanda yecandelo leSAPS kwiCrime Intelligence.
UKhumalo unike ubungqina obubambekayo phambi kwekomishini esele ivile ngomlo okrakra wolawulo phezulu.
Amangqina amaninzi atyhola ukuba umphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu, kunye noSekela Mkomishinala kuzwelonke uShadrack Sibiya banokuba bagqithise igunya labo.