Umbutho wamaPolisa neentolongo (POPCRU) umemelela ukuba amapolisa ezendlela afakwe phantsi kwesebe lezothutho.
Oku kuza emva kokuba ingxelo yokhuseleko ezindleleni yaphakathi kwixesha leziyunguma ibonise ukunyuka nge-3%, kwiziganeko zokubhubha ezindleleni ukususela ngomhla wokuqala kweyoMnga.
Abahambi ngeenyawo ngabona basemngciphekweni nge-45.6% yokusweleka, kulandelwa ngabakhweli, abaqhubi kunye nabakhweli beebhayisikile.