Iyophisa iKaizer Chiefs emva kokubethwa emdlalweni wokuqala weCAF Confederation Cup. Oku kwenzeke emva kokuba iChiefs iguqiswe phantsi yiKabuscorp S.C.P. ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obubanjelwe kwibala ekuthiwa yiEstadio 11 de Novembo emalanga woMgqibelo odlulileyo.
Ngumdlalo ebekufanele ukuba iChiefs iwuphumelele ngoba umdlalo ubuphethwe yiyo futhi inawo amathuba. Nangona ibuye iqhwalela iChiefs, uCedric Kaze uthe ngeyibuye nempumelelo ukuba ibikwazile ukusebenzisa amathuba kakuhle.
Emva komdlalo wokuqala obubanjelwe eLuanda, e’Angola, kulindeleke ukuba Amakhosi alwele ukuphumelela ngokucacileyo emdlalweni wesibini oza kube useFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo. UKaze uthe iKabuscorp iza kudibana neChiefs elolekileyo emdlalweni wesibini.
“Besizilindele iKabuscorp edlala iibhola eziphezulu emdlalweni wanamhlanje. Kodwa ndicinga ukuba singayibetha emdlalweni wesibini. Wona amathuba besinawo – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa,” utshilo uKaze emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo.
UGodly Lilepo noAshley du Preez bakhe bawiswa ebhokisini emdlalweni. Khange afune nokusimamela isikhalo seChiefs usoompempe obephethe umdlalo. “Ebekhona amathuba okufumana ipenela nangona ebengacacanga kakuhle kum.
“Andifuni ukuthetha ngosompempe, umsebenzi wam ukwiChiefs,” utshilo uKaze. Amakhosi aza kuthathana neMarumo Galants emdlalweni onzima weBetway Premiership oza kube useFNB Stadium ebusuku ngoLwesithathu. Kunyanzelekile aphumelele ukuba afuna ukuhlala phezulu