ABAHLALI BOMASPALA I NELSON MANDELA BAY BATHE ABABUYI MVA DE BABONE UMASIPALA ESHUKUMA

Uqhankqalazo lombane lujike lwanobundlobongela eBayland eNelson Mandela Bay.

Abahlali basematyotyombeni banyanzelisa ukuba bafakele umbane kule ndawo.

Batshisa ilori baza baphazamisa nemoto. Babanga ukuba baye benza izicelo eziphindaphindiweyo kumasipala, kodwa bafumana izithembiso ezingenanto.

UNceba Ntlanganiso we-eNCA unike ingxelo yokuba isixeko sithenjiswe ngokuqesha unokontraka ukuze wenziwe umsebenzi.

Kubekelwe bucala imali eyi R6-million yokufakelwa kombane eBayland.

UZiyanda Mqokoyi wakwamasipala uthi eli phulo lizakuqhuba ngokwezigaba xa sele kuqeshwe ikontraka.

Kodwa, abahlali bathi abazukuhlehla de babone abasebenzi esizeni.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *