Inceku yakwaFaleni inoba ibiziculela u-“Siyakudumisa!” ngale njikalanga emva kwesibhengezo sokuba umphathi wezikhululo ezimbini zeSABC eMpuma Koloni, uLoyiso Bala, uyaphuma kwesi sikhundla.
UBala ebengumphathi we- UMhlobo Wenene FM 88 – 106 kwakunye ne- trufm. Wangena kwesi sikhundla pha koka-2021 emva kokugqiba izifundo zakhe zolawulo lwamashishini e- Henley Business School. Phamb’ koko wayesaziwa njengemvumi yodumo nelungu leeBala Brothers.
“Esi sikhundla ibisesona sikhundla sinzima esanditweza kodwa sandikhulisa kwicala lezakhono zokukhokela oko ndasebenza. Kumaqela endisebenze nawo kuUWFM ne-trufm ndiyabulela ngokundithemba, ukuzinikela kwanokuzimisela kumxholo. Ndiphuma nje, ndiphuma ndinombulelo. Enkosi kakhulu! Ndisakholwa ukuba kusekho izinto ezinkulu ezizayo!” kutsho uBala.
Ukanti, ngethuba efika kuMhlobo zange amnkelwe ngezandla ezishushu ngabalandeli besi sitishi. Bagqushalaza mpela! Bambombozele nangakumbi xa uBala esenza iinguqu kwinkqubo zesi sitishi sodumo. Pha koka-2022 wagxotha nomfundisi we-Imvuselelo onguMzukisi Faleni. Emven’ koko wabakwiphulo lokuguqula uMhlobo ukuze ubenomtsalane kulutsha noonompucuko basezidolophini. Wade wayokukhwebula noo Lusanda Mbane, watshintsa neenkqubo zenkolo ngokufaka uNomonde Vakalisa kwinkqubo yakusasa enguBeka Ithemba Lakho Kuye, waze wathumela uMam K (Bathandwa Kwatsha) kwezomculo wenkolo weempelaveki.
UBala wafika uMhlobo unezigidi ezine (4.3 million) zabaphulaphuli pha koka-2021. Uphuma ngoku kulo nyaka uMhlobo unabaphulaphuli abaphaya kwizigidi ezintlanu (5.39 million). Huntshu ngokonyusa eli nani kuye uDikela. I-trufm yona yayineqaqobana lama-261 000 labaphulaphuli koka-2021. Oko sasokola esi sitishi ngenxa yokungazazi nokungabinamxholo ucace gca. Koka-2026 sehle sayokutsho kubaphulaphuli abangama-190 000 kuphela. Behle kakhulu.
“Siyabulela kakhulu Dikela, ngako konke. Ubusikhokele ngothando, intobeko nentlonipho. Your door was always open, we were never afraid to call you because you made us feel like we were speaking to a brother, not just a boss. Sikunqwenela konke okuhle nalapho uya khona. UThixo akufihle,” kutsho imvumi ekwangumsasazi kuMhlobo, uDumza Maswana.
Yena uLoyiso Bala sele ebuyele emculweni ngamandla. Pha nge-29 kwekaCanzibe ukhuphe icwecwe lakhe elitsha elingu “Ndicinga Ngawe” kwaye oko elisasaza kumakhasi onxibelelwano.