Ozibiza ngokuba ngumsasazi weSAPS ozinze eMntla Ntshona, uBrown Mogotsi, kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseRhawutini namhlanje umhla weshumi elinesibhozo kule ka Canzibe, emva kokubanjwa ngezityholo zokuzama ukubulala ngoNovemba ophelileyo.
UMogotsi ungoyena uphambili kwizityholo zobuqhophololo, ukungenelela kwezopolitiko, kunye nokuvuzwa kweenkcukacha eziyimfihlo zamapolisa.
Ujongene netyala lokoyisa ubulungisa, ngenxa yesiganeko sokudubula esenzeke eVosloorus, kumzantsi-mpuma weRhawuti.
Ubanjwe ngoLwesihlanu emva kokuvela phambi kwekomishoni kaMadlanga yophando ePitoli.
Isithethi samapolisa kuzwelonke uAthlenda Mathe uthi, “Eli tyala lisukela kwizityholo zokuzama ukubulala umrhanelwa eVosloorus.”
