IQHUBILE INKONZO YESIKHUMBUZO YABAFUNDI ABATHE BABANDAKANYEKA KWINGOZI BASWELEKA

Isebe lezemfundo laseRhawutini belibambe inkonzo yesikhumbuzo yabantwana abathe babhubha emva kwengozi emasikizi. Inkonzo yesikhumbuzo ibibanjelwe kwiholo yezemidlalo iSaul Tsotetsi eSebokeng ngoLwesihlanu, iNkulumbuso yaseGauteng uPanyaza Lesufi kunye namalungu esigqeba sephondo ebezimase.

Le ngozi, eyenzeke ngoMvulo, umhla weshumi elinesithoba kweyoMqungu, ibangele umothuko kulo lonke elaseRhawutini, iphinde yabeka inkxalabo ngokhuseleko kwicandelo lezothutho lwabafundi babucala. Isebe lezothutho leenkonzo zemfundo eGauteng liqinisekise ukuba uDludla ebesebenzisa iteksi phantsi kombutho wabo kwaye ebekhe wajongana nezikhalazo malunga nokuqhuba kwakhe budlabha.

Usihlalo wee Nkonzo zeMfundo eRhawutini uMatthews Mokhachane wenze intetho ngaphandle kweNkundla kaMantyi yaseVanderbijlpark ngoLwesine, apho uAyanda Dludla oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala, ongumqhubi wesithuthi somfundi uye wavela okokuqala enkundleni.

Isebe lezemfundo eGauteng likhuphe amagama abafundi abalishumi elinesibini ababhubhe kwingozi yothutho lwabafundi eVanderbijlpark.

Ujongene namatyala alishumi elinesine okubulala namathathu okuzama ukubulala kulandela ukungqubana kwesithuthi somfundi kunye nelori. UDludla usilahlile isicelo sakhe sebheyile kwaye kulindeleke ukuba abuyele enkundleni kwinyanga yoKwindla.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *