U Julius Malema intloko kwakunye nenkokheli yombutho wezopolitiko I EFF ubuyela enkundleni namhlanje, umhla wamashumi amabini anesithathu, kweyoMqungu klo umiyo.
Wafunyanwa enetyala lokwaphula umthetho iFirearms Control Act kwinyanga yeDwarha.
Inkundla imfumene enetyala lokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni, ukukhupha umpu kwindawo eyakhelweyo kunye nokubabeka engozini ngokungakhathali.
UMalema wadubula umpu emoyeni ngethuba kubanjwe i-EFF eMdantsane ngo-2018.
Amalungu nabalandeli alombutho aphume ngephulo elithi mayiyekwe inkokheli yabo “hands off our CIC”, kubonakala ukuba bazakuphuma ngobuninzi ukuyoxhasa enkundleni.