UZiphozethu Faltein kunye noSisipho Tikane babanjwe ngoLwesibini eOrange Grove, kufutshane nesikhululo seenqwelomoya.
Umbuso utyhola ngelithi la makhosikazi mabini arhwebeshele umntwana osemncinci, obedlala ngaphandle, komnye wamakhaya abo, apho atyholwa ngokumxhaphaza ngokwesondo.
Njengoko eli ilityala kwiShedyuli yesiThandathu, umtshutshisi wabonisa iinjongo zombuso zokuyichasa ibheyile.
Ngokwenkundla, zininzi izinto ezingekaphunyelelwa kuphando, eziquka iingxelo zamangqina, iingxelo zovavanyo, icwecwe lemifanekiso yendawo yexhwayelo, kunye nomfanekiso wakutshanje wexhoba.
Ngaphandle kwenkundla, amalungu asekuhlaleni avakalise umothuko ngezi zityholo, eqaphela umkhwa ophazamisayo wamanina ale ngingqi abandakanyeka kulwaphulo-mthetho lwezesondo ngakubantwana.
UThobeka Tyityi weANCWL uthi esi sehlo silandela kutsha nje ukubanjwa kwesekela-nqununu yasetyhini kwakula wadi enye, ejongene netyala lokurhweba ngabantu, ukuthengisa ngomzimba, kunye nokuqhuba indlu yoonongogo.
Kusenjalo, uChumani Matiwane we-EFF uthe kuyothusa kwaye kuyadanisa ukufunda ukuba la magqiyazana, akwiminyaka yawo engamashumi amabini kunye noomama bobabini, banokuthi benze izenzo ezinje.
UPetros Majola weKhula Community Development Project wongeze ngelithi bayayichasa ngamandla ibheyile.
“Esikulindileyo kukuba inkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho ikhawulezise inkqubo kwaye igwebe aba bantu, ukuthetha ngebheyile ayilolwimi lwam kwityala elilolu hlobo,” utshilo.
Isicelo sabo sebheyile sihlehliselwe umhla weshumi elinesibini kuNovemba.